top of page
Search
Writer's pictureLukanyo Tshitshi

IBanyana Banyana izakulwa kubemdaka iisali, utsho uEllis.

by Lukanyo Tshitshi.


Umqeqeshi weBanyana Banyana uDesiree Ellis. image credit: Getty images.


Umqeqeshi we-Banyana Banyana, uDesiree Ellis uvakalise ukuba iqela lakhe lizimisele ukuthathana phezulu lingquzulane neNigeria kwibala laseLoftus ePitori kumlenze wesibini wokuzibekela indawo kwi-2024 Olympics eFrance.


Ethetha nonondaba bezemidlalo bejelo leSABC kwiveki ephelileyo, uEllis uvakalise ukuba iBanyana Banyana izakusebenzisa zonke izixhobo enazo xa ijongene neNigeria ngomhla wekuqala kuApril 2024 ekwavakalisa ukuba isigqibo sokuchonga ibala laseLoftus ukuba lisingathe lomdlalo siphembelelwe yinzuzo yokuphakama abaceba ukuyisebenzisa kulomdlalo.


"Sijonge ukuphakama, kufuneka siqinisekise ukuba siyayisebenzisa kwaye sinethemba lokuba ingasinceda ngakumbi kwi-mizuzu eyi-15/20 yokuqala kumdlalo," utshilo uEllis.


Iqela leBanyana Banyana ligqibelise ukuthatha ingxaxheba kwi-Olympics ngonyaka ka- 2016 emveni kokwehlulwa kwimidlalo yezigaba emini yadlala ngokulingana komnye.


Ukanti yona iSuper Falcons yagqibela ngonyaka ka -2008 kwilizwe lase China.


Iqela lika Ellis lisingise kulo mdlalo lihambela phezulu kukuzithemba emveni kokuphumelela imidlalo emine kwemihlanu abayidlale neSuper Falcons.


Ngokokutsho kuka-Ellis, ukugqibelisa kwayo lamaqela mabini ukudlala kunye kwi-Aisha Buhari Cup ngo nyaka ka 2021, abadlali abasemangqwangqweni beBanyana Banyana babengekho.


"Abanye babadlali bethu abaphambili bebengafumaneki kulo mdlalo, kodwa ngohlobo lwebhola ekhatywayo esiyidlalileyo, inkolelo esekelwe kuyo, kwaye oku kubonisa ukuba eli qela aloyiki mntu," utshilo oka- Ellis.


Kuzabe kuxhelw'xhwukane nanjengoko uEllis kulindaleke ukuba abhengeze iqela lakhe labadla abayi-23 abazakujongana neqela lase Nigeria.


Ukapteni, uRefiloe Jane kunye nomdlali wangasemva uBambanani Mbane bayingxalanye yabadlali uEllis azokuchonga kuyo, aba badlali basethubeni lokubuyela ebalini okukuqala sukela kwiNdibe yehlabathi yabasethyini yeFifa ka-2023.



24 views0 comments

Comments


bottom of page